Description
Isisombululo sethu isiXhosa Ulwimi Lwasekhaya iphuhliselwe ukuxhasa isiqulatho (ulwazi, imiba nezakhono zobuchule) esiqulethwe kwiNgxelo yeKharityhulamu yeSizwe (National Curriculum Statement – NCS), njengoko sicwangcisiwe kwiNkcazelo yePolisi yeKharityhulam nokuHlola (Curriculum and Assessment Policy Statement-CAPS) yesiXhosa Ulwimi Lwasekhaya. Isisombululo sethu isiXhosa Ulwimi Lwasekhaya Incwadi Yomfundi icwangciselwe ukuxhasa ukufundisa nokufunda eklasini yeLwimi Lwasekhaya ngokunika zonke izifundo ezifanele ukufundiswa nokwenziwa eklasini kwisifundo ngasinye semizuzu ephakathi kwama30-60. Kwisifundo ngasinye abafundi baya: • kufumanisa asebekwazi ngesihloko • kufunda iinyaniso ezintsha ngesihloko • kuziqhelanisa ngokusebenzisa ulwazi olutsha, imiba nezakhono zobuchule abazifunde kwisifundo. Ukongeza, abafundi banikwe: • eminye imisebenzi enokonziwa ekhaya • imisebenzi eyongezelelweyo encedisana nomfundi ofumana ubunzima kunye • nalowo ofuna ukutyebisa ulwazi lwakhe. • isishwankathelo somsebenzi ubusenziwa. Singanomsebenzi weveki nganye nangaphezulu. Isisombululo sethu isiXhosa Ulwimi Lwasekhaya Incwadi Yomfundi ixhaswa • Isikhokelo SikaTitshala • neNcwadi Yokufunda. Esi sifundo sinako konke okudingwa ngutitshala nabafundi ukuze bachane isiXhosa kwibanga 6. Isisombululo sethu isiXhosa Ulwimi Lwasekhaya: isisombululo esipheleleyo saseklasini!
Reviews
There are no reviews yet.