Description
Isisombululo sethu isiXhosa Ulwimi Lwasekhaya iphuhliselwe ukuxhasa isiqulatho (ulwazi, imiba nezakhono zobuchule) esiqulethwe kwiNgxelo yeKharityhulamu yeSizwe (National Curriculum Statement – NCS), njengoko sicwangcisiwe kwiNkcazelo yePolisi yeKharityhulam nokuHlola (Curriculum and Assessment Policy Statement-CAPS) yesiXhosa Ulwimi Lwasekhaya. Isisombululo sethu isiXhosa Ulwimi Lwasekhaya Incwadi Yomfundi icwangciselwe ukuxhasa ukufundisa nokufunda eklasini yeLwimi Lwasekhaya ngokunika zonke izifundo ezifanele ukufundiswa nokwenziwa eklasini kwisifundo ngasinye semizuzu ephakathi kwama30-60. Kwisifundo ngasinye abafundi baya:• kufumanisa asebekwazi ngesihloko• kufunda iinyaniso ezintsha ngesihloko• kuziqhelanisa ngokusebenzisa ulwazi olutsha, imiba nezakhono zobuchule abazifunde kwisifundo.Ukongeza, abafundi banikwe:• eminye imisebenzi enokonziwa ekhaya• imisebenzi eyongezelelweyo encedisana nomfundi ofumana ubunzima kunye• nalowo ofuna ukutyebisa ulwazi lwakhe.• isishwankathelo somsebenzi ubusenziwa. Singanomsebenzi weveki nganye nangaphezulu.Isisombululo sethu isiXhosa Ulwimi Lwasekhaya Incwadi Yomfundi ixhaswa:• Isikhokelo SikaTitshala• neNcwadi Yokufunda. Esi sifundo sinako konke okudingwa ngutitshala nabafundi ukuze bachane isiXhosa kwibanga 4. Isisombululo sethu isiXhosa Ulwimi Lwasekhaya: isisombululo esipheleleyo saseklasini!

Reviews
There are no reviews yet.